NGUTITSHALA WASE MOUNT AYLLIF OTYHOLWA NGOKUDLWENGUL’ AMITHISE ABANTWANA BESIKOLO BEBANGA LESHUMI.

203

NGUTITSHALA WASE MOUNT AYLLIF OTYHOLWA NGOKUDLWENGUL’ AMITHISE ABANTWANA BESIKOLO BEBANGA LESHUMI.

Uvele kwinkundla kamatyi EmaXesibeni (Mount Eyllif) umfundisi ntsaph’ ona 26, nalapho ejongene nezityholo ezimbini zokudlwengula.

Lo titshala wesikolo samabang’ aphezulu esise Mount Ayllif, iNtsizwa utyholwa ngokudlwengul’ abantwan’ ababini abenza ibanga leshumi kwala esikolweni.
Esisiganeko senzeke phakathi kwenyanga kaCanzibe kunye neyeSilimela kulonyaka.

Umfundi ona 18 nona 19 batyhola lo titshala ngokuzithathela ngolunya esebenzisa elinye lamagumbi esikolo, ze wabagrogrisa esithi bangaze bayithethe.

Abantwana baye bayibalisa kontanga ndini kodwa boyika ukuyichaza ebazalini.

Utitshala uye wabanjw’ aphe vekini emva kokub’ abantwana bethe baxelel’ abazali babo nalapho kuye kwafumaniseka ukuba bakhulelwe.

Ityala lizobuyela enkundleni ngomhla we 4 kulenyanga izayo, nalapho kulindeleke utitshal’ afake isicelo se bail.